29. Kwathi ngelo xesha, uYarobheham waphuma eYerusalem; wathi uAhiya waseShilo, umprofeti, wamfumana endleleni; wayambethe ke ingubo entsha; baye bobabini bebodwa endle.
30. Wesuka uAhiya, wayibamba loo ngubo intsha abenayo, wayiqwenga; yaziziqwenga ezilishumi elinazibini.
31. Wathi uAhiya kuYarobheham, Zithabathele iziqwenga zibe lishumi; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi;
32. esinye isizwe sibe kuye ngenxa yomkhonzi wam uDavide, nangenxa yeYerusalem, umzi endiwunyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli.
33. Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; àbahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise.
34. Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam.
35. Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke;
36. unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam.
37. Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli.