1 Ookumkani 11:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi;

2. ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando.

3. Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe.

4. Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.

5. USolomon walandela uAshtoreti,* uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki,* izothe lama-Amon.

6. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise.

7. Waza uSolomon wamakhela isigánga uKemoshe,* izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.

8. Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.

9. UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini;

1 Ookumkani 11