1 Ookumkani 1:24-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, ùtshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam?

25. Ngokuba úhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.

26. Ke akandimemanga mna mkhonzi wakho, noTsadoki umbingeleli, noBhenyana unyana kaYehoyada, noSolomon umkhonzi wakho.

27. Ingába ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza àkwabazísa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?

28. Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Bizani uBhatshebha eze kum. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani.

29. Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owawukhululayo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke;

30. inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.

31. Wathoba ke uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam, ukumkani uDavide, ngonaphakade.

32. Wathi ukumkani uDavide, Babizeni beze kum apha uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani.

1 Ookumkani 1