1 Kwabasetesalonika 5:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.

6. Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.

7. Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.

8. Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.

9. Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

10. owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.

11. Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nĂ¡khane, kwanjengokuba nisenjenjalo.

12. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,

1 Kwabasetesalonika 5