1 Kwabasetesalonika 5:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.

3. Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.

4. Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.

5. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.

6. Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.

7. Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.

1 Kwabasetesalonika 5