1. Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga;
2. sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu.