7. Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika,* enguKristu.
8. Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.
9. Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;
10. kodwa ningàsenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.