1 Kwabasekorinte 5:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika,* enguKristu.

8. Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.

9. Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;

10. kodwa ningàsenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.

1 Kwabasekorinte 5