1 Kwabasekorinte 3:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.

19. Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;

20. kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.

21. Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu;

22. nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu.

23. Nina ke ningabakaKristu, uKristu ke ngokaThixo.

1 Kwabasekorinte 3