1 Kwabasekorinte 3:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.

19. Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;

20. kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.

21. Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu;

1 Kwabasekorinte 3