1 Kwabasekorinte 3:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu.

2. Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako.

3. Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?

4. Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke?

5. Ăšngubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo? Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo.

6. Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.

7. Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo.

1 Kwabasekorinte 3