1 Kwabasekorinte 2:14-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.

15. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.

16. Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.

1 Kwabasekorinte 2