1 Kwabasekorinte 12:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;

10. omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.

11. Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.

12. Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo.

13. Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo;

14. sonke sasezwa Moyeni mnye; kuba nomzimba lo ungèlungu linye, ungamaninzi.

15. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, lúthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?

1 Kwabasekorinte 12