1 Kwabasekorinte 12:15-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, lúthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?

16. Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, íthi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?

17. Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?

18. Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo.

19. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?

20. Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba.

1 Kwabasekorinte 12