26. Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.
27. Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.
28. Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;
29. kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.