1 Kwabasekorinte 10:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.

22. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

23. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.

24. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.

25. Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;

26. kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

27. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.

1 Kwabasekorinte 10