3. Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:
4. úthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso,
5. izirhano ezingendawo, iimpikiswano zochuku lwabantu abonákele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.
6. Ke kona ukuhlonela uThixo, kúndawonye nokwanela, kusekelezé inzuzo enkulu.
7. Kuba sibe singangénanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.
8. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.