1. Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
2. imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;
3. bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4. Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;
5. kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.
6. Ukuba ùthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, wòba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
7. Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale.