1 Kutimoti 3:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke

5. (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?);

6. angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angàthiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.

7. Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.

8. Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;

9. mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.

10. Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangénakumangaleleka.

1 Kutimoti 3