1 Kutimoti 2:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile* (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.

8. Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.

9. Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile,* nesambatho esixabiso likhulu;

10. mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.

11. Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.

12. Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.

13. Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.

14. Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.

15. Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.

1 Kutimoti 2