16. Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo.UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.
17. Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.
18. Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
19. Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.