1 Kapetros 3:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo;

4. makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.

5. Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;

6. njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.

7. Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.

8. Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.

9. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.

1 Kapetros 3