1 Kapetros 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko, nílulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi,

2. walangazeleleni, ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;

3. ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele.

4. Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa línyuliwe nguThixo, línqabile:

1 Kapetros 2