1 Izikronike 7:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe,

21. noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.

22. Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe.

23. Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;* ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe.

24. Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera.

25. URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe,

26. uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe,

1 Izikronike 7