1 Izikronike 6:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan;

10. uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakháyo uSolomon eYerusalem);

11. uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi; uAhitubhi wazala uTsadoki;

12. uTsadoki wazala uShalum; uShalum wazala uHilekiya;

13. uHilekiya wazala uAzarita;

14. uAzariya wazala uSeraya;

15. uSeraya wazala uYotsadaki; uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare.

16. Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari.

17. Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi.

18. Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli.

1 Izikronike 6