1 Izikronike 6:43-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi.

44. Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo: uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana

45. kaMuluki, unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya,

46. unyna ka-Amtsi, unyana kaBhani,

47. unyana kaShemere, unyana kaMaheli, unyana kaMushi unyana kaMerari, unyana kaLevi.

48. Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo.

1 Izikronike 6