1 Izikronike 5:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

10. Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

11. Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

12. nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

13. Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.

1 Izikronike 5