1 Izikronike 5:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe,

5. nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali

6. unyana wakhe, nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen.

7. Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,

8. noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.

9. Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

10. Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

11. Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

12. nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

1 Izikronike 5