1 Izikronike 4:34-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya,

35. noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli,

36. noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya;

37. noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya:

38. abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.

39. Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.

40. Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.

41. Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.

42. Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.

43. Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.

1 Izikronike 4