7. noNoga, noNefege, noYafiya,
8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.
9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.
10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;
11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;
12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;
13. nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;
14. nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.