3. Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;
4. amawaka amathathu eetalente zegolide* yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere* ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;
5. ukuba ibe yeyezinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
6. Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomsebenzi wokumkani.
7. Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike* ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu.
8. Abo ke, kwàfumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom.
9. Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.
10. UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
11. Bobákhò, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; ùphakamile wayintloko yeento zonke.
12. Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.
13. Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.