20. Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele.
21. Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli.
22. Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova.
23. Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli:
24. uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingĂ nga yobuncwane.