1 Izikronike 24:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

28. NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

29. NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

30. Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti.Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.

31. Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.

1 Izikronike 24