1 Izikronike 24:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

21. NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

22. KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

23. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.

24. Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

25. Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

26. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

28. NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

29. NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

30. Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti.Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.

31. Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.

1 Izikronike 24