1 Izikronike 24:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.

20. Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

21. NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

22. KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

23. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.

24. Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

25. Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

26. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

1 Izikronike 24