1. Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.
2. UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente* yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.