45. Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.
46. UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.
47. Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.
48. UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;
49. wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.
50. Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima,