1 Izikronike 2:40-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. uElasa wazala uSisamayi;

41. uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.

42. Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.

43. Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.

44. UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi.

45. Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.

1 Izikronike 2