4. UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.
5. Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.
6. Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.
7. Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.
8. Oonyana bakaEtan nguAzariya.
9. Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.
10. URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.
11. UNashon wazala uSalima;
12. uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.
13. UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,
14. noNataniyeli owesiné, noRadayi owesihlanu,
15. no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.