25. Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.
26. UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.
27. Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.
28. Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.
29. Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili;
30. wamzalela uAbhan, noMolidi. Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.
31. Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.
32. Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.
33. Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.
34. USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.
35. USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.
36. UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.