1 Izikronike 2:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.

18. UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.

19. Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.

20. UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.

21. Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.

1 Izikronike 2