35. Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo,Usibuthe, usihlangule ezintlangeni,Ukuze sibulele igama lakho elingcwele,Sizingce ngendumiso yakho.
36. Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli,Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni!Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.
37. Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;
38. noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.
39. UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,