1 Izikronike 16:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. NguYehova, nguThixo wethu yena;Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

15. Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe,Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,

16. Awanqophisana ngalo noAbraham;Nokufunga kwakhe kuIsake;

17. Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi,Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

18. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu,

19. Nisengamadoda ambalwa,Nibancinane, ningábaphambukeli kulo.

1 Izikronike 16