1 Izikronike 16:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Mfuneni uYehova namandla akhe,Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

12. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo,Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,

13. Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe,Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

14. NguYehova, nguThixo wethu yena;Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

15. Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe,Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,

16. Awanqophisana ngalo noAbraham;Nokufunga kwakhe kuIsake;

17. Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi,Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

18. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu,

19. Nisengamadoda ambalwa,Nibancinane, ningábaphambukeli kulo.

20. Báhamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga;Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

21. Àkavumela mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,

22. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

1 Izikronike 16