1 Izikronike 14:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.

13. Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.

14. Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;*

15. kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba úphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.

16. Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.

1 Izikronike 14