1 Izikronike 12:18-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba úya kuncéda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.

19. KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza àbawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wóphambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.

20. Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.

21. Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini.

22. Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.

1 Izikronike 12