12. esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti* eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.
13. Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,
14. akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.