1 Izikronike 10:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti* eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.

13. Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,

14. akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.

1 Izikronike 10