1 Izikronike 10:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.

2. AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.

3. Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.

1 Izikronike 10