Uzefaniya 2:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.

8. “Ndizivile izithuko zikaMowabhi,ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.Ewe, babathukile abantu bam,bangenelela emideni yabo.

9. Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,ama-Amon abe njengeGomora,indawo yokhula nemihadi yetyuwa.Yoba yinkangala ngonaphakade.Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”

10. Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.

11. UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.Izizwe macala onke ziya kumnqula;bebonke ke kwimihlaba yabo.

Uzefaniya 2