Uzefaniya 1:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Isandla sam ndosolulela kuJudanakubo bonke abemi beJerusalem,ndiwanqamle kule ndawo amasalela kaBhali,ndiwacime amagama abanquli-zithixo kunye nababingeleli bazo –

5. nditsho bona abo baguqa phezu kwezindlu benqula iinkwenkwezi,abo baguqayo bafunge uNdikhoyo,ukanti ke bakwafunga noMalkam,

6. abo bakreqileyo ekulandeleni uNdikhoyo,abo bangasamfuni nganto uNdikhoyo,kungekho nanto bayibuzayo kuye.

7. Ewe, yithini cwaka phambi kweNkosi uNdikhoyo;kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango.Yena ulilungisile idini,ubangcwalisile abo abamemileyo.

8. Ngaloo mini yedini likaNdikhoyondiya kuwohlwaya amatshawe,ndibabethe oonyana bokumkaninâbo bavatha impahla yasemzini.

9. Ngaloo mini ndiya kubohlwaya bonke abatsiba umgubasi womnyango,abazalisa indlu yothixo wabo ngogonyamelo kunye nenkohliso.

Uzefaniya 1