Uzakariya 9:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,ethobekile, ekhwele idonki,nditsho ithole, inkonyane yedonki.

10. Ndiya kuzohlutha iinqwelo zokulwa kwaEfrayim,namahashe emfazwe eJerusalem,ke lona utolo lwemfazwe ndiluvikive.Ukumkani wovakalis' uxolo ezizweni,ulawulo lwakhe loziqhakamishel' iilwandle;luya kusuka kumlambo iEfrati,luye kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

11. Ke nina okunokwenungenxa yegazi lomnqophisondobakhulula abantu bakowenu abangamabanjwa,baphume emhadini ongenamanzi.

12. Buyelani kuyo inqaba, nina mabanjwa anikwe ithemba.Namhlanje ndiyanazisa:ndonibuyisela ngokuphindiweyo.

13. Kuba uJuda ndimbhetya okwesaphetha,uEfrayim yena abe litolo lam.Ndophekuza ngoonyana bakho, Ziyon,babe njengekrele legorha,ndibalekuze oonyana bakho, lizwe lamaGrike.

Uzakariya 9